** Note: This is not an AEC march. We are supporting demands of residents and assisting in helping get the word out about their issues **
About 1000 residents from KTC will converge on Fezeka Municipality Buildings
next to Lansdowne road [Guguletu] from 10am to 12 noon TODAY – Wednesday.
Demnding houses, security and development. Call Ben for info 072 927 1924.
Please see the below press statement in isiXhosa for more info:
–
Abahlali base KTC banele ngamaveletshona nokushwatshwathelwa
Ulibambe lingatshoni. Hayi ke amasi abekwe elangeni kwaye abahlali base KTC babhoke isicuku befuna into ebilapha. Oko kucace gca njenge kati emhlophe nakuye nabanina ngokuthi basincame ngoku isidlo sangokuhlwa ukuba basenze ze basidle ngexesha bengenela endleleni bekwaza be sithi bayile kuwo onke amagqirha kwaye athi umhlola useKaya. Umthakathi ngu Gladstone Thembisile Ntamo nonguCeba wale ndawo nongunobangela wophuhliso oluhamba ngonyawo lwenwabu kuleminyaka ingamashumi amabini. Izindlu azikho, kwakhelwa amantokazi abo bathi baziNkokeli bancume nabo, indlala, iidrain ezimayo yonke lemihla, indlela ezinemigxunya,amatyotyombe atshayo nobonelelo lweeNkonzo olugqala inombolo apho kuya ngokuthi ungubani, upila nabani, kwaye uzalwa ngubani,ukowuphi na umbutho.
Kunjalo nje uqine intamo njengoontamo lukhuni bangaphambili, nangona ebona ukuba ubukumkani bakhe bubekwe esikalini baze bafunyanwa bulula. Oko kucace kumhlangano athe wawubamba nabahlali ngomgqibelo umhla we 11 October 2008 apho eqhubele phambili ngobukrwada nokubonisa ukusilela ukuqonda nokwazi intlungu yabantu abamnyama baseMzantsi Afrika.
“Phantsi ngoNtamo’zandla zixhaphigazi”, abahlali bazingise batsho kwaye besithi abavoti ukuba azikho iinkonzo ekuquka nezindlu. Ebengabhalelwa leta ke koko ebexelelwa ezindlebeni. Nto basayiposayo nje abahlali kukuthi phantsi nge ANC phezulu ngabahlali, kodwa ke kunjalo nje siyayiqonda into yokuba ekuhambeni kwethuba, bakuyazi abahlali base KTC ukuba bacinezelwe yinkqubo yoqoqosho(GEAR) elandelwa yiANC nolwawulo lwayo oluhesheheshe. UNtamo nguCeba ome egameni le ANC-nokuba yile yakhelwe phezu kobuhlanga,ingqumbo nokungathobeki kaLekota,nokuba yekaMonthlante kodwa bacinezele abantu kusetyenziswa esisikelemu -’ANC’. Sisikelem ekutyiwa ngaso kulemihla. ‘ SHAYINAMBA.’.
Eliyinyani lelokuba abantu abamyama nabo bonke abahluphekayo basemzantsi kufanele baqonde ukuba amandla okutshintsha iimeko abaphila phantsi kwazo akubo,hayi kwi ANC,hayi kubantu bePolitiki abasePalamente kwaye kufanele bafumane okanye bakhe umhlangano wabantu abahluphekayo, balibale nge ANC BENGEKADE BAPHELELWE NANGALAMANDLANA BASENAWO WOKUNGENA ESITALATWENI. KWAYE KUFUNEKA BAFUNDE UKUXHASA IMIZABALAZO EFANA NALE NOKUBA IQHUBA KWEYIPINA INGINGQI.
Umzabalazo uyaqhuba kwaye umbutho i-Concerned Residence Movement(COREMO) iyayixhasa ngokupheleleyo lentshumo isithi,Pambili ngabahlali, Phantsi ngozungulichele,nohlohlesakhe abafana noNtamo nempi yakhe. Ukuze kubekho uphuhliso E-KTC kuyakufuneka kwehlwe sonke isigqeba solawulo lukaNtamo-kwehle neANC. Sikhwaza bonke abahlali kanjalo baxhase ezintshukumo. Ikwelo lityala Mawethu-Yoyele. Makehle kwanele ngaye, uwenzile amanyala akhe kule KTC kwaye isemininzi imibuzo ngaphandle kwamathandabuzo ayakuthi afuneke ayiphendule nokuba sele ehlile.
Umzabalazo Uyaqhuba!!!
Stumble It!

[...] refused to entertain their complaint. As a result, The Rasta Working Council, with the help of COREMO, organised todays march which took place from 13h30 until [...]